Lumina
Zechariah

Restoration of Israel

Zechariah 10·Xhosa Bible

1Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula evuthisayo. UYehova wenza imibane, abanike imvula eziziphango, elowo amnike umfuno wasendle."

2Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi."

3Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni."

4Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye."

5Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe."

Zechariah 10 illustration - Zechariah Chapter 10

6Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula."

7Woba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova."

8Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulule ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako."

9Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye."

10Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo."

Zechariah 10 illustration - Zechariah Chapter 10

11UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke iziziba zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa."

12Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova."

Chapter Complete

You have read Zechariah 10

12 verses