Lumina
Psalms

A New Song of Salvation

Psalms 98·Xhosa Bible

1Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele."

2Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe."

3Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu."

4Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi."

5Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma;"

Psalms 98 illustration - Psalms Chapter 98

6Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova."

7Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo."

8Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba"

9Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye."

Chapter Complete

You have read Psalms 98

9 verses