Lumina
Psalms

God of Vengeance

Psalms 94·Xhosa Bible

1Thixo wempindezelo, Yehova, Thixo wempindezelo, bengezela!"

2Phakama, Mgwebi wehlabathi! Babuyisele impatho yabo abanekratshi."

3Kunini na abangendawo, Yehova, Kunini na abangendawo bevuyelela?"

4Balephuza amagwebu, bathetha ngokusa, Bayandolosa bonke abasebenzi bobutshinga."

5Batyumza abantu bakho, Yehova, Bacinezela ilifa lakho."

Psalms 94 illustration - Psalms Chapter 94

6Babulala umhlolokazi nowasemzini, Bancinitha inkedama."

7Bathi ke, Akaboni uYehova, Akagqali uThixo kaYakobi."

8Qondani, nina bazizityhakala ebantwini; Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?"

9Omilisele indlebe, akayi kuva na? Obumbe iliso, akayi kukhangela na?"

10Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na, Ulofundisa abantu ukwazi?"

Psalms 94 illustration - Psalms Chapter 94

11UYehova ngumazi weengcinga zabantu, Ukuba zingumphunga."

12Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova, Oyifundisayo ngomyalelo wakho;"

13Ukuba uyizolise eziminini zobubi, Ade ambelwe isihogo ongendawo."

14Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe, Akalishiyi ilifa lakhe."

15Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni, Balilandele bonke abantliziyo zithe tye."

Psalms 94 illustration - Psalms Chapter 94

16Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam? Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?"

17Koko uYehova abe luncedo lwam, Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona."

18Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam, Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase."

19Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam."

20Ingaqhelana nawe na itrone yolweyeliselo, Ebumba ububi ngommiselo?"

Psalms 94 illustration - Psalms Chapter 94

21Bahlanganyela umphefumlo welungisa, Baligwebe igazi elimsulwa."

22Kanti ke uYehova uyingxonde kum, UThixo wam liliwa endizimela ngalo."

23Ububuyisela phezu kwabo ubutshinga babo, Uba bhangisa ngobubi babo; Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu."

Chapter Complete

You have read Psalms 94

23 verses