Lumina
Psalms

It Is Good to Give Thanks

Psalms 92·Xhosa Bible

1Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;"

2Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku,"

3Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe, Ngokulubetha uhadi ngofefe."

4Ngokuba uyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho, Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela."

5Azizikhulu izenzo zakho, Yehova! Zinzulu kakhulu iingcinga zakho."

Psalms 92 illustration - Psalms Chapter 92

6Isityhakala asinakwazi; Isinyabi asikuqondi oko."

7Ekudubuleni kongendawo njengomfuno, Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga, Kukuze batshabalale ngonaphakade."

8Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade."

9Ngokuba uyabona, iintshaba zakho, Yehova, Ngokuba uyabona, iintshaba zakho ziva kutshabalala; Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga."

10Uyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu; Ndigalelwe ioli entsha."

Psalms 92 illustration - Psalms Chapter 92

11Iliso lam liyababonela abandilalelayo, Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi."

12Amalungisa aya kudubula njengesundu, Aya kukhula njengomsedare weLebhanon."

13Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu."

14Aya kuhluma eselenezimvi, Aya kuba etyebile, eluhlaza;"

15Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova, Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye."

Chapter Complete

You have read Psalms 92

15 verses