Lumina
Psalms

Under His Wings

Psalms 91·Xhosa Bible

1Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla,"

2Uthi kuYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye!"

3Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo."

4Wokugubungela ngeentsiba zakhe, Uzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe."

5Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini;"

Psalms 91 illustration - Psalms Chapter 91

6Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu."

7Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe."

8Wokhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo."

9Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho."

10Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho."

Psalms 91 illustration - Psalms Chapter 91

11Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke."

12Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni."

13Wonyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo."

14Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam."

15Wondibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise;"

Psalms 91 illustration - Psalms Chapter 91

16Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam."

Chapter Complete

You have read Psalms 91

16 verses