1Umthandazo kaDavide. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndiphendule, Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu."
2Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba; Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho, Lo ukholose ngawe."
3Ndibabale, Nkosi yam, Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini."
4Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho, Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;"
5Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo."

6Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam."
7Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula."
8Akukho unjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo; Akukho zenzo zinjengezakho."
9Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam, Zizukise igama lakho."
10Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo, UnguThixo wena wedwa."

11Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho."
12Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:"
13Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo."
14Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Abakumisi wena phambi kwabo."
15Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso."

16Ndibheke, undibabale; Mphe amandla akho umkhonzi wakho, Umsindise unyana womkhonzazana wakho."
17Ndenzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela."
You have read Psalms 86
17 verses