Lumina
Psalms

Keep Not Silence

Psalms 83·Xhosa Bible

1Ingoma. Umhobe ka-Asafu. Thixo, musa ukuthi cwaka, Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo."

2Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela; Abakuthiyayo baphakamisa intloko."

3Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho, Bacebisane ngabagushiweyo nguwe."

4Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga, Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli."

5Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye, Benza umnqophiso ngawe:"

Psalms 83 illustration - Psalms Chapter 83

6Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli, AmaMowabhi namaHagari,"

7AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki, AmaFilisti kunye nabemi baseTire;"

8Nama-Asiriya athelele kubo, Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)"

9Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan, NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon."

10Batshabalala e-Endore, Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni."

Psalms 83 illustration - Psalms Chapter 83

11Benze bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe; Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengoTsalimuna;"

12Bona bathi, Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo."

13Thixo wam, benze babe njengesaqhwithi, Njengomququ phambi komoya."

14Njengomlilo odla ihlathi, Njengedangatye lilenya intaba,"

15Yenjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho, Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo."

Psalms 83 illustration - Psalms Chapter 83

16Buzalise ubuso babo ngehlazo, Balifune igama lakho, Yehova."

17Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade, Babe neentloni, badake;"

18Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke."

Chapter Complete

You have read Psalms 83

18 verses