Lumina
Psalms

God of Salem

Psalms 76·Xhosa Bible

1Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Waziwa kwaYuda uThixo, Likhulu kwaSirayeli igama lakhe."

2Umnquba wakhe waba seSalem, Nekhaya lakhe eZiyon."

3Wayaphula apho imibane yesaphetha, Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)"

4Ukhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga."

5Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane, Balala umlala kanye, Akazifumana izandla zawo onke amakroti."

Psalms 76 illustration - Psalms Chapter 76

6Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi, Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe."

7Unguwena wena woyikekayo; Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?"

8Emazulwini usivakalisile isigwebo; Loyika ihlabathi, lazola,"

9Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe, Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)"

10Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe; Uya kuwabhinqa amasalela obushushu."

Psalms 76 illustration - Psalms Chapter 76

11Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu; Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa."

12Uya kunqumla ukufutha kweenganga, Uyoyikeka kookumkani behlabathi."

Chapter Complete

You have read Psalms 76

12 verses