Lumina
Psalms

God the Judge

Psalms 75·Xhosa Bible

1Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo."

2Ngokuba uthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo, Mna ndiya kugweba ngokuthe tye."

3Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo; Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)"

4Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa; Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;"

5Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu, Ningathethi ngokusa, nolule intamo."

Psalms 75 illustration - Psalms Chapter 75

6Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga, Nasentlango yeentaba."

7Hayi, nguThixo ogwebayo; Uyamthoba lo, amphakamise lowa."

8Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi."

9Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;"

10Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa."

Chapter Complete

You have read Psalms 75

10 verses