1Umhobe ka-Asafu. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli, Kwabantliziyo zinyulu."
2Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam; Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;"
3Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo, Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo."
4Ngokuba abanazintlungu ekufeni kwabo; Baphilile, batyebile umzimba wabo;"
5Ebubini babantu abakho bona; Abakhathazwa njengabanye abantu."

6Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi; Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo."
7Amehlo abo avelile kukutyeba; Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle."
8Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi; Bathetha iindumbisa zamazwi."
9Bawubeka ezulwini umlomo wabo, Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke."
10Ngako oko abantu babo babuyela apha; Bafinca amanzi amaninzi."

11Bathi, Unokuthini na ukwazi uThixo? Kukho ukwazi na kOsenyangweni?"
12Yabona abangendawo abaya Banokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba."
13Sifumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti, Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;"
14Ndakhathazeka imini yonke, Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke."
15Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha, Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho."

16Ndathi ke ndakucinga ukuba ndikwazi oko, Kwayinkohla emehlweni am;"
17Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo, Ndakugqala ke ukuphela kwabo."
18Inene, ubamise ezindaweni ezibuthelezi, Wabawisa baba yintshabalala."
19Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo; Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa."
20Njengephupha ekuqabukeni komntu, Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wowudela umfanekiso wabo."

21Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo, Ndahlabeka ezintsweni,"
22Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi; Ndoba ke ndisisilo kuwe."
23Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene;"
24Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko."
25Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi."

26Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade."
27Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka; Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe."
28Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum, Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova, Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe."
You have read Psalms 73
28 verses