Lumina
Psalms

Banner of Truth

Psalms 60·Xhosa Bible

1Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa."

2Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma."

3Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo."

4Ubanike ibhanile abakoyikayo, Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)"

5Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule."

Psalms 60 illustration - Psalms Chapter 60

6UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti."

7Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo;"

8UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Filisti, nkqangaza wena ngam."

9Ngubani na owondisa emzini wamandla? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?"

10Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu."

Psalms 60 illustration - Psalms Chapter 60

11Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu."

12NgoThixo siya kweyisa, Wobagqusha yena ababandezeli bethu."

Chapter Complete

You have read Psalms 60

12 verses