Lumina
Psalms

Plea for Mercy in Distress

Psalms 6·Xhosa Bible

1Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu."

2Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am."

3Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?"

4Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho."

5Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?"

Psalms 6 illustration - Psalms Chapter 6

6Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam."

7Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke."

8Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam."

9Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela."

10Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo."

Chapter Complete

You have read Psalms 6

10 verses