Lumina
Psalms

Deliver Me from Mine Enemies

Psalms 59·Xhosa Bible

1Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekuthumeleni kukaSawule, bayilinda indlu ukuba bambulale. Ndihlangule ezintshabeni zam, Thixo wam, Ndise engxondeni kwabasukela phezulu kum."

2Ndihlangule kubasebenzi bobutshinga; Ndisindise ebantwini abanamagazi."

3Ngokuba nabo bewulalela umphefumlo wam; Baqukana ngam abanamandla, Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova."

4Ndingenabugwenxa nje, bagidime baxhoba. Vuka, undikhawulele, ubone."

5Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli, Phapha, uzivelele zonke iintlanga; Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengabagqithi. (Phakamisani.)"

Psalms 59 illustration - Psalms Chapter 59

6Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi."

7Nabo belephuza amagwebu ngomlomo; Ngamakrele emlonyeni wabo; Ngokuba bathi, Kuva bani na?"

8Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga."

9Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam."

10UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo."

Psalms 59 illustration - Psalms Chapter 59

11Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu; Babhadulise ngamandla akho, ubawise, Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu."

12Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo."

13Bagqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho; Baqonde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi, Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)"

14Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi."

15Bona babhadulela ukudla; Ukuba bathe abahlutha, balala apho."

Psalms 59 illustration - Psalms Chapter 59

16Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam."

17Mandla am, ndiya kukubethela uhadi; Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba."

Chapter Complete

You have read Psalms 59

17 verses