1Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati. Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini;"
2Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile."
3Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe."
4Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama?"
5Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi."

6Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam."
7Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo."
8Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?"
9Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam."
10Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi."

11Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu?"
12Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo."
13Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi."
You have read Psalms 56
13 verses