Lumina
Psalms

The Fool

Psalms 53·Xhosa Bible

1Kumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngobugqwetha babo; Akukho wenza okulungileyo."

2UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Ofuna uThixo."

3Bonke babuye umva, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye."

4Abanakwazi na abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uThixo?"

5Apho bankwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo; Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho; Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile."

Psalms 53 illustration - Psalms Chapter 53

6Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli."

Chapter Complete

You have read Psalms 53

6 verses