Lumina
Psalms

Clap Your Hands

Psalms 47·Xhosa Bible

1Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela."

2Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke."

3Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu."

4Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)"

5UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo."

Psalms 47 illustration - Psalms Chapter 47

6Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!"

7Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa."

8UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele."

9Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena."

Chapter Complete

You have read Psalms 47

9 verses