Lumina
Psalms

Thirst for God

Psalms 42·Xhosa Bible

1Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam."

2Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo; Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?"

3Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku, Bakuthi kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?"

4Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam, Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo, Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo."

5Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam."

Psalms 42 illustration - Psalms Chapter 42

6Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare."

7Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho; Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam."

8Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe, Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam, Ukuthandaza kuThixo wobomi bam."

9Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na? Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?"

10Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo, Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?"

Psalms 42 illustration - Psalms Chapter 42

11Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam."

Chapter Complete

You have read Psalms 42

11 verses