Lumina
Psalms

Blessed is He That Considereth the Poor

Psalms 41·Xhosa Bible

1Kumongameli. Umhobe kaDavide. Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula."

2UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile. Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini; Ungamnikeli elitheni leentshaba zakhe."

3UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe; Uya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe."

4Ndithi mna, Yehova, tarhu; Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe."

5Iintshaba zam zithetha kakubi ngam; Zithi, Uya kufa nini na, lidake igama lakhe?"

Psalms 41 illustration - Psalms Chapter 41

6Nothe weza kundilunguza, uthetha into ekhohlakeleyo; Intliziyo yakhe ibutha ubutshinga; Uphuma phandle, abuthethe."

7Basebezelana ngam bonke abandithiyayo; Bacinga ububi ngam."

8Bathi, Unanyekwe bubutshijolo, Engoleleyo nje, akayi kubuya avuke."

9Kwanendoda ebixolelene nam, ebe ndikholose ngayo, Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo."

10Wena Yehova, ndibabale, undiphakamise, Ndibabuyekeze."

Psalms 41 illustration - Psalms Chapter 41

11Ndazi ngale nto, ukuba undinonelele, Yokokuba lungenakundidumela utshaba lwam."

12Mna ekugqibeleleni kwam uyandixhasa, Undimisa phambi kwakho ngonaphakade."

13Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen."

Chapter Complete

You have read Psalms 41

13 verses