1Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam."
2Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam."
3Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova."
4Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo, Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!"
5Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo, Nangeengcinga zakho kuthi; Akukho nto inokulinganiswa nawe; Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo; Ke ziyinkohla engenakubalwa."

6Akunanze mbingelelo namnikelo wakudla; Iindlebe zam uzivulile; Akubizi dini linyukayo nadini lasono."
7Ndaza ndathi, Yabona, Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam."
8Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi."
9Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu; Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam; Yehova, wena uyazi."
10Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam; Ndakukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho; Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu."

11Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum; Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza."
12Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa; Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela; Buninzi kuneenwele zentloko yam; Ndimkelwe yintliziyo."
13Ngamana, Yehova, wandihlangula; Yehova, wakhawuleza wandinceda!"
14Mabadane babe neentloni kuphele Abazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe; Mababuye muva bahlazeke"
15Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo labo Abathi kum, Tshotsho! Tshotsho!"

16Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo, Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi, Makenziwe mkhulu uYehova."
17Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu; INkosi iya kundikhumbulela. Umncedi wam nomsindisi wam nguwe; Thixo wam, musa ukulibala."
You have read Psalms 40
17 verses