Lumina
Psalms

Evening Prayer

Psalms 4·Xhosa Bible

1Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! Baninzi abasukela phezulu kum."

2Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)"

3Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam."

4Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)"

5Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa."

Psalms 4 illustration - Psalms Chapter 4

6Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum."

7Khawusuk’ ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula."

8Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)"

Chapter Complete

You have read Psalms 4

8 verses