1Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam, Ndingoni ngolwimi lwam; Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam, Xa ongendawo asephambi kwam."
2Ndaba sisidenge, ndathozama, Ndazisulungisa nakokulungileyo; Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam."
3Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam, Ekucamangeni kwam wavutha umlilo. Ndathetha ke ngolwimi lwam,"
4Ndathi, Ndazise, Yehova, isiphelo sam, Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo; Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo."
5Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)"

6Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa."
7Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam? Ukulinda kwam kukuwe."
8Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge."
9Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe."
10Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho."

11Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)"
12Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke."
13Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho."
You have read Psalms 39
13 verses