Lumina
Psalms

Taste and See

Psalms 34·Xhosa Bible

1EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe."

2Uya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Bova abalulamileyo, bavuye."

3Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe."

4Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo."

5Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo ababa nazintloni."

Psalms 34 illustration - Psalms Chapter 34

6Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke."

7Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule."

8Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!"

9Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Ngokuba abanakuswela abamoyikayo."

10Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo."

Psalms 34 illustration - Psalms Chapter 34

11Yizani, bonyana, phulaphulani kum; Ndonifundisa ukoyika uYehova."

12Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi, Othanda imihla yokubona okulungileyo?"

13Gcina ulwimi lwakho ebubini, Umlomo wakho ungathethi nkohliso."

14Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume."

15Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo."

Psalms 34 illustration - Psalms Chapter 34

16Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo."

17Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke."

18Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo."

19Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, Ke uYehova ulihlangula kubo bonke."

20Uyawagcina onke amathambo alo, Akwaphuki nalinye kuwo."

Psalms 34 illustration - Psalms Chapter 34

21Ububi buyambulala ongendawo; Abathiyi belungisa bayalithwala ityala."

22UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye."

Chapter Complete

You have read Psalms 34

22 verses