Lumina
Psalms

Show Me Thy Ways

Psalms 25·Xhosa Bible

1EkaDavide. Ndiwuphakamisela kuwe, Yehova, umphefumlo wam."

2Thixo wam, ndikholose ngawe, Mandingadani; Mazingandivuyeleli iintshaba zam."

3Ewe, bonke abo bakuthembayo abayi kudana; Kuya kudana abo banginiza ngelize."

4Ndazise iindlela zakho, Yehova, Ndifundise umendo wakho."

5Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise; Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam; Ndithembe wena yonke imihla."

Psalms 25 illustration - Psalms Chapter 25

6Khumbula iimfesane zakho, Yehova, neenceba zakho; Ngokuba kususela kwaphakade zikho."

7Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam; Ndikhumbule ngokwenceba yakho wena, Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova."

8Ulungile, uthe tye uYehova; Ngenxa yoko uyabayalela indlela aboni."

9Uyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe, Abafundise abalulamileyo indlela yakhe."

10Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso, Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe."

Psalms 25 illustration - Psalms Chapter 25

11Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam, Ngokuba bukhulu bona."

12Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova? Womyalela indlela aya kuyinyula."

13Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile, Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe."

14Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo; Ubazisa umnqophiso wakhe."

15Amehlo am ahlala emi kuYehova, Ngokuba nguye ozirholayo eluthanjeni iinyawo zam."

Psalms 25 illustration - Psalms Chapter 25

16Ndibheke, undibabale, Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile."

17Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe; Ndikhuphe ekucuthekeni kwam."

18Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam, Uxolele zonke izono zam."

19Zikhangele iintshaba zam, ngokuba zininzi; Zindithiye ngentiyo egonyamelayo."

20Wugcine umphefumlo wam, undihlangule; Mandingadani, ngokuba ndizimela ngawe."

Psalms 25 illustration - Psalms Chapter 25

21Ukugqibelela nokuthi tye makundilondoloze, Ngokuba ndithembele kuwe."

22Khulula uSirayeli, Thixo, Ezimbandezelweni zakhe zonke."

Chapter Complete

You have read Psalms 25

22 verses