Lumina
Psalms

The Reign of the Anointed

Psalms 2·Xhosa Bible

1Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto?"

2Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;"

3Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi."

4Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela."

5Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo."

Psalms 2 illustration - Psalms Chapter 2

6Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele."

7Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele."

8Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho."

9Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe."

10Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani."

Psalms 2 illustration - Psalms Chapter 2

11Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela."

12Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!"

Chapter Complete

You have read Psalms 2

12 verses