Lumina
Psalms

Song of Deliverance

Psalms 18·Xhosa Bible

1Kumongameli. Eyomkhonzi kaYehova. EkaDavide, owawathethayo kuYehova amazwi ale ngoma, mhlenikweni uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke nasesandleni sikaSawule; wathi: Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam."

2Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizimela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!"

3Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ezintshabeni zam."

4Izintya zokufa zandijikela; Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa."

5Izintya zelabafileyo zandibhijela; Izirhintyelo zokufa zabetha kum."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

6Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe."

7Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zeentaba zagungqa, Zahexa, ngokuba enomsindo."

8Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe, Kwavutha amalahle ephuma kuwo."

9Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe."

10Wakhwela ekerubhini, waphaphazela, Wee tshwebelele ngamaphiko omoya."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

11Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye; Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu."

12Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akhe Isiphango samatye, namalahle omlilo."

13Wadudumisa ezulwini uYehova, Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe. Yasisiphango samatye namalahle omlilo."

14Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa; Yamininzi imibane, wabadubaduba."

15Imiphantsi yamanzi yabonakala, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kwakho, Yehova, Ngokufutha komoya womsindo wakho."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

16Wolula isandla ephezulu, wandibamba, Wandirhola emanzini amaninzi."

17Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam."

18Bandifikela ngemini yokusindeka kwam, UYehova wandixhasa."

19Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula, ngokuba endithandile."

20UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

21Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam."

22Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;"

23Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa,"

24Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe."

25Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;"

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

26Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo."

27Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo, Uwathobe amehlo aqwayingileyo."

28Ngokuba uyasilumeka isibane sam wena; UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam."

29Ngokuba ngawe ndigila amajarha, NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni."

30UThixo yena, igqibelele indlela yakhe; Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Uyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

31Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova? Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?"

32UloThixo undibhinqise ubukroti, Uyigqibelelisileyo indlela yam;"

33Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi, Undimisayo emimangweni yam:"

34Uzifundisayo ukulwa izandla zam, Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam."

35Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho: Sandixhasa isandla sakho sokunene; Ululamo lwakho lwandikhulisa."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

36Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam, Amaxhwele am akahexa."

37Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana; Andabuya zada zaphela."

38Ndaziqoba; azaba nakuvuka, Zawa phantsi kweenyawo zam."

39Wandibhinqisa ubukroti ekulweni, Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;"

40Wandinika ikhosi leentshaba zam, Abandithiyayo ndababhangisa."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

41Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula."

42Ndabacola, banjengothuli phambi komoya, Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato."

43Wandisiza ekubambaneni kwabantu, Wandimisa ndayintloko yeentlanga; Abantu ebe ndingabazi bandikhonza."

44Besave ngeendlebe, bandithobela, Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;"

45Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya, Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo."

Psalms 18 illustration - Psalms Chapter 18

46UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam, Aphakanyiswe uThixo ondisindisayo."

47UloThixo wandinika impindezelo, Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;"

48Undisiza ezintshabeni zam; Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum, Undihlangule kumfo ogonyamelayo."

49Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga, Ndivume kwigama lakho."

50Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe: Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe, KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni."

Chapter Complete

You have read Psalms 18

50 verses