Lumina
Psalms

The LORD My Portion

Psalms 16·Xhosa Bible

1Eyona iligugu likaDavide. Ndigcine, Thixo, ngokuba ndizimela ngawe."

2Ndithe kuYehova, UyiNkosi yam, Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho."

3Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo."

4Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam."

5NguYehova isahlulo endasabelwayo, nendebe endayabelwayo; Ulenze banzi ilifa lam."

Psalms 16 illustration - Psalms Chapter 16

6Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle."

7Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam."

8Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa."

9Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile."

10Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo."

Psalms 16 illustration - Psalms Chapter 16

11Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade."

Chapter Complete

You have read Psalms 16

11 verses