Lumina
Psalms

Praise Ye Him All His Hosts

Psalms 148·Xhosa Bible

1Haleluya! Dumisani uYehova emazulwini; Mdumiseni ezindaweni eziphezulu."

2Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;"

3Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga; Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;"

4Mdumiseni, mazulu awo amazulu, Nani, manzi angaphezu kwezulu."

5Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa."

Psalms 148 illustration - Psalms Chapter 148

6Wazimisa ngonaphakade kanaphakade, Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha."

7Dumisani uYehova ehlabathini, Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:"

8Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi; Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;"

9Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke;"

10Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;"

Psalms 148 illustration - Psalms Chapter 148

11Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;"

12Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana:"

13Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu."

14Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya!"

Chapter Complete

You have read Psalms 148

14 verses