Lumina
Psalms

He Healeth the Broken

Psalms 147·Xhosa Bible

1Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso."

2Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona."

3Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;"

4Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama."

5Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo."

Psalms 147 illustration - Psalms Chapter 147

6Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni."

7Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu."

8Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;"

9Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo."

10Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;"

Psalms 147 illustration - Psalms Chapter 147

11UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe."

12Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:"

13Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho."

14Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo."

15Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;"

Psalms 147 illustration - Psalms Chapter 147

16Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,"

17Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?"

18Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi."

19Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe."

20Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!"

Chapter Complete

You have read Psalms 147

20 verses