1Haleluya! Mdumise uYehova, mphefumlo wam."
2Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi; Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo."
3Musani ukukholosa ngamanene, Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso."
4Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe."
5Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi, Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:"

6KuMenzi wezulu nomhlaba, Nolwandle neento zonke ezikulo; Kulogcina inyaniso ngonaphakade;"
7Kogweba ityala labacudiswayo; Kopha abalambileyo ukudla; KuYehova okhulula ababanjwa;"
8KuYehova ovula amehlo eemfama; KuYehova ophakamisa abagobileyo; KuYehova othanda amalungisa;"
9KuYehova ogcina abaphambukeli; Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi, Ayiphethule indlela yabangendawo."
10UYehova ungukumkani ngonaphakade, UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana. Haleluya!"
You have read Psalms 146
10 verses