Lumina
Psalms

I Will Extol Thee, My God

Psalms 145·Xhosa Bible

1Eyokudumisa kaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade."

2Imihla yonke ndiya kukubonga, Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade."

3Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa."

4Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho, Kuxelwe ubugorha bakho."

5Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho; Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca."

Psalms 145 illustration - Psalms Chapter 145

6Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo, Ndibalise ngobukhulu bakho."

7Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu, Bamemelele ngobulungisa bakho."

8Unobabalo nemfesane uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba."

9Ulungile uYehova kubo bonke, Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe."

10Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho, Bakubonge abakho benceba;"

Psalms 145 illustration - Psalms Chapter 145

11Uzuko lobukumkani bakho balutsho, Bathethe ngobugorha bakho."

12Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe."

13Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana."

14UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo, Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo."

15Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;"

Psalms 145 illustration - Psalms Chapter 145

16Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo."

17Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, Unenceba ngezenzo zakhe zonke."

18Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso."

19Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise."

20UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo."

Psalms 145 illustration - Psalms Chapter 145

21Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova, Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade."

Chapter Complete

You have read Psalms 145

21 verses