Lumina
Psalms

God Knows All

Psalms 139·Xhosa Bible

1Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Yehova, undigocagocile, wandazi."

2Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; Uyaziqonda izicamango zam nakude."

3Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; Uqhelene neendlela zam zonke."

4Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam Ongalaziyo ke, Yehova, kanye."

5Ngasemva nangaphambili undingqingile, Wasibeka phezu kwam isandla sakho."

Psalms 139 illustration - Psalms Chapter 139

6Kubalulekile kum oko kwazi, Kuphezulu, kundinqabele."

7Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?"

8Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho."

9Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,"

10Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene."

Psalms 139 illustration - Psalms Chapter 139

11Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa, Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:"

12Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; Ubusuku bungaba mhlophe njengemini, Ubumnyama bungaba njengokukhanya"

13Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama."

14Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle."

15Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba."

Psalms 139 illustration - Psalms Chapter 139

16Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo."

17Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo! Asingangani isimbuku sazo!"

18Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi; Ndakuvuka ndoba ndisenawe."

19Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum."

20Abo bakukhankanyela amayelenqe, Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho."

Psalms 139 illustration - Psalms Chapter 139

21Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?"

22Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, Kum mna baziintshaba."

23Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; Ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam;"

24Ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, Undikhaphele kwindlela engunaphakade."

Chapter Complete

You have read Psalms 139

24 verses