1NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon."
2Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu."
3Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon."
4Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga?"
5Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene."

6Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke."
7Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo."
8Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako!"
9Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!"
You have read Psalms 137
9 verses