Lumina
Psalms

His Mercy Endureth For Ever

Psalms 136·Xhosa Bible

1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

2Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

3Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

4KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

5KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Psalms 136 illustration - Psalms Chapter 136

6KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

7KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"

8Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"

9Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

10Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Psalms 136 illustration - Psalms Chapter 136

11Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

12Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

13KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

14Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

15Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Psalms 136 illustration - Psalms Chapter 136

16Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

17Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

18Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"

19USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"

20No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Psalms 136 illustration - Psalms Chapter 136

21Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,"

22Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

23Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

24Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

25Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Psalms 136 illustration - Psalms Chapter 136

26Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Chapter Complete

You have read Psalms 136

26 verses