Lumina
Psalms

Praise the Name of the LORD

Psalms 135·Xhosa Bible

1Haleluya. Dumisani igama likaYehova; Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,"

2Nimiyo endlwini kaYehova, Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu."

3Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova; Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi."

4Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe, Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye."

5Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova, INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke."

Psalms 135 illustration - Psalms Chapter 135

6Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza, Ezulwini nasemhlabeni, Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila."

7Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi, Imvula wayenzela imibane; Ulorhola umoya koovimba bakhe."

8Owawabulalayo amazibulo aseYiputa, Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;"

9Wathumela imiqondiso nezimanga Phakathi kwakho, Yiputa, KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;"

10Owabulala iintlanga ezinkulu, Wabulala ookumkani abanamandla;"

Psalms 135 illustration - Psalms Chapter 135

11OoSihon, ukumkani wama-Amori, No-Ogi, ukumkani waseBhashan, Nezikumkani zonke zakwaKanan;"

12Walinikela ilizwe labo lalilifa, Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,"

13Yehova, igama lakho lingunaphakade, Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana."

14Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe."

15Izithixo zeentlanga yisilivere negolide, Umsebenzi wezandla zabantu."

Psalms 135 illustration - Psalms Chapter 135

16Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje, aziboni;"

17Zineendlebe nje, aziva; Akukho nento engumoya emlonyeni wazo."

18Baya kuba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo."

19Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova; Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova."

20Nina ndlu kaLevi, bongani uYehova; Nani boyika uYehova, bongani uYehova."

Psalms 135 illustration - Psalms Chapter 135

21Ngowokubongwa uYehova eZiyon, Ulohlala eYerusalem. Haleluya!"

Chapter Complete

You have read Psalms 135

21 verses