1Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!"
2Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla ezindevini, Ezindevini zika-Aron, Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe."
3Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni."
You have read Psalms 133
3 verses