Lumina
Psalms

Out of the Depths

Psalms 130·Xhosa Bible

1Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,"

2Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam."

3Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?"

4Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe."

5Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe."

Psalms 130 illustration - Psalms Chapter 130

6Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa."

7Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi."

8Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke."

Chapter Complete

You have read Psalms 130

8 verses