Lumina
Psalms

Blessed is Every One

Psalms 128·Xhosa Bible

1Ingoma yezinyuko. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, Abahamba ngeendlela zakhe!"

2Ukuxelenga kwezandla zakho inene uya kukudla, Uya kuba noyolo wena, kulunge kuwe."

3Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo Endlwini yakho ngaphakathi; Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma Ngeenxa zonke esithebeni sakho."

4Yabona, unjalo ukusikelelwa umfo Omoyikayo uYehova."

5Makakusikelele uYehova eZiyon. Uyibone iYerusalem inenyhweba Yonke imihla yobomi bakho;"

Psalms 128 illustration - Psalms Chapter 128

6Ubone abantwana babantwana bakho. Malube luxolo kuSirayeli."

Chapter Complete

You have read Psalms 128

6 verses