Lumina
Psalms

As Mount Zion

Psalms 125·Xhosa Bible

1Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon: Ayishukumi, ihleli ngonaphakade."

2IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni."

3Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo."

4Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo."

5Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli."

Chapter Complete

You have read Psalms 125

5 verses