Lumina
Psalms

My Help Comes from the LORD

Psalms 121·Xhosa Bible

1Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisele ezintabeni na amehlo am? Luya kuvela phi na uncedo lwam?"

2Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi."

3Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha ozele umgcini wakho."

4Uyabona, akozeli, akalali, UMgcini kaSirayeli."

5NguYehova umgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho."

Psalms 121 illustration - Psalms Chapter 121

6Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, Nenyanga ebusuku."

7UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho."

8UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni."

Chapter Complete

You have read Psalms 121

8 verses