Lumina
Psalms

The Word of God

Psalms 119·Xhosa Bible

1Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!"

2Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!"

3Abasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe."

4Uzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene."

5Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho!"

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

6Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke."

7Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho."

8Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele."

9Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho."

10Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

11Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe."

12Ungowokubongwa, Yehova; Ndifundise imimiselo yakho."

13Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho."

14Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke."

15Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

16Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho."

17Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcine ilizwi lakho."

18Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho."

19Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho."

20Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

21Ubakhalimele abakhukhumali, Abaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho."

22Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo, Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho."

23Nangona abathetheli behlala bathethe ngam, Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho."

24Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko, Zingamaphakathi am."

25Umphefumlo wam unamathele eluthulini: Ndiphilise ngokwelizwi lakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

26Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula; Ndifundise imimisela yakho."

27Ndiqondise iindlela zeziyalezo zakho, Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo."

28Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndimise ngokwelizwi lakho."

29Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndibabale umyalelo wakho."

30Ndiyinyule indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolise kuwo."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

31Ndinamathele ezingqinisweni zakho; Musa ukundidanisa, Yehova."

32Ndigidima ngendlela yemithetho yakho, Ngokuba uyenze banzi intliziyo yam."

33Ndiyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, Ndiyibambe kuphele."

34Ndiqondise, ndibambe umyalelo wakho, Ndiwugcine ngentliziyo yonke."

35Ndinyathelise endleleni yemithetho yakho, Ngokuba ndiyithandile."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

36Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho, Ungayithobeli ekubaweni."

37Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo, Ndiphilise ngeendlela zakho."

38Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho, Eyokuba bakoyike."

39Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo, Ngokuba amasiko akho alungile."

40Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho, Ndiphilise ngobulungisa bakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

41Mazize kum iinceba zakho, Yehova, Nosindiso lwakho ngokwentetho yakho;"

42Ndimphendule ngelizwi ondingcikivayo, Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho."

43Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso, Ngokuba ndilindele izigwebo zakho;"

44Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke, Ngonaphakade kanaphakade;"

45Ndihamba-hambe endaweni ebanzi, Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

46Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani, Ndingabi nakudana."

47Ndoziyolisa ngemithetho yakho Endiyithandayo;"

48Ndiziphakamise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo, Ndicamngce ngemimiselo yakho."

49Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho, Ngenxa enokuba undithembise lona."

50Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam, Yokuba intetho yakho indiphilisile."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

51Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu; Kanti andithi gu bucala emyalelweni wakho."

52Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova, Ndathuthuzeleka."

53Ndingenwe ngumsindo oshushu, Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho."

54Iziingoma kum imimiselo yakho, Endlwini yokuphambukela kwam."

55Ndilikhumbule ebusuku igama lakho, Yehova, Ndawugcina umyalelo wakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

56Ndinikwe oku, Ukuba ndibambe iziyalezo zakho."

57Isabelo sam, Yehova, ndithi, Sesokuba ndigcine amazwi akho."

58Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke, Ndibabale ngokwentetho yakho."

59Ndazicingela iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho."

60Ndikhawulezile andazila-zila Ukugcina imithetho yakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

61Izintya zabangendawo zindithandele, Andiwulibele umyalelo wakhe noko."

62Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho."

63Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo, Nelabazigcinayo iziyalezo zakho."

64Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi; Ndifundise imimiselo yakho."

65Umenzele okulungileyo umkhonzi wakho, Yehova, ngokwelizwi lakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

66Ndifundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho."

67Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka; Kungoku ndiyigcinile intetho yakho."

68Ulungile wena, ulungisa; Ndifundise imimiselo yakho."

69Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam; Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho."

70Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo; Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

71Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho."

72Ulungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere."

73Izandla zakho zindenzile, zandilungisa; Ndiqondise, ndifunde imithetho yakho."

74Abakoyikayo bondibona, bavuye, Ngokuba ndilindele elizwini lakho."

75Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho; Undicinezele, phofu uthembekile."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

76Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela, Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho."

77Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa."

78Mabadane abakhukhumali, ngokuba bendigobele phantsi ngobuxoki, Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho."

79Mabandibuyele abakoyikayo, Nabazaziyo izingqiniso zakho."

80Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho, Ukuze ndingadani."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

81Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Ndilindele elizwini lakho."

82Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho, Ndisithi, Uya kundithuthuzela nini na?"

83Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini; Andiyilibali imimiselo yakho."

84Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho? Uya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?"

85Abakhukhumali bandimbele izihogo, Abangenamyalelo wakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

86Yonke imithetho yakho ithembekile: Bandisukela ngobuxoki; ndincede."

87Baphantse ukundigqibela emhlabeni, Ke mna andizilahli iziyalezo zakho."

88Ndiphilise ngokwenceba yakho, Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho."

89Lingunaphakade, Yehova, Limi emazulwini ilizwi lakho."

90Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana; Ulizinzisile ihlabathi, lema."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

91Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla, Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho."

92Koko umyalelo wakho wandiyolisayo, Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam."

93Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho, Ngokuba undiphilisile ngazo."

94Ndingowakho mna, ndisindise, Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho."

95Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise; Mna ndigqale izingqiniso zakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

96Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona; Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu."

97Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo."

98Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho, Ngokuba yeyam ngonaphakade."

99Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca."

1000 Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

1011 Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi, Ukuze ndiligcine ilizwi lakho."

1022 Andisuki emasikweni akho, Ngokuba undiyalile wena."

1033 Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Igqithe nobusi emlonyeni wam."

1044 Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki."

1055 Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

1066 Ndikufungele, ndikumisile, Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho."

1077 Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndiphilise ngokwelizwi lakho."

1088 Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam; Ndifundise amasiko akho."

1099 Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingawulibali umyalelo wakho."

1100 Abangendawo bandenzele umgibe, Andiphambukanga eziyalezweni zakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

1111 Ndizidle ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade, Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;"

112Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele."

113Abambaxa ndiyabathiya, Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda."

114Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe, Ndilindele elizwini lakho."

115Sukani kum, nina benzi beento ezimbi, Ndibambe imithetho yoThixo wam."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

116Ndizimase ngokwelizwi lakho, ndiphile, Ungandidanisi ekulindeni kwam."

117Ndixhase ndisinde, Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho."

118Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki."

119Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga, Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho."

120Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe, Ndizoyike izigwebo zakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

121Ndenza ngesiko nangobulungisa, Ungandinikeli kwabandicudisayo."

122Mmele umkhonzi wakho, kulunge; Mabangandicudisi abakhukhumali."

123Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Nentetho yobulungisa bakho."

124Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho Undifundise imimiselo yakho."

125Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise, Ndizazi izingqiniso zakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

126Lilixa lokuba uYehova enze, Kuba bawaphule umyalelo wakho."

127Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo."

128Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke; Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile."

129Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho, Ngenxa yoko uzibambile umphefumlo wam."

130Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, Kuqondisa abazizidenge."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

131Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza, Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho."

132Ndibheke, undibabale, Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho."

133Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho, Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na."

134Ndikhulule ekucudiseni komntu, Ndizigcine iziyalezo zakho."

135Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Undifundise imimiselo yakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

136Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho."

137Ulilungisa wena, Yehova, Zithe tye izigwebo zakho."

138Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa, Zaba nokuthembeka kakhulu."

139Ikhwele lam lindibhangisile, Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho."

140Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene, Umkhonzi wakho uyalithanda."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

141Ndimncinane, ndideliwe, Noko andizilibali iziyalezo zakho."

142Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade, Umyalelo wakho uyinyaniso."

143Imbandezelo nengcutheko indifumene, Imithetho yakho iyandiyolisa."

144Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho, Ndiqondise, ndiphile."

145Ndikhala ngentliziyo yonke, ndiphendule; Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

146Ndikhala kuwe, ndisindise, Ndigcine izingqiniso zakho."

147Ndakuphangela ukusa, ndazibika, Ndalindela emazwini akho."

148Amehlo am aphengela imilindo yasebusuku, Ukuze ndicamngce ngentetho yakho."

149Live ilizwi lam ngokwenceba yakho, Yehova, ndiphilise ngokwamasiko akho."

150Bayasondela abaphuthuma amanyala, Banyawuka emyalelweni wakho;"

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

151Usondele wena, Yehova, Yonke imithetho yakho iyinyaniso."

152Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho, Ukuba uzisekile ngonaphakade."

153Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule, Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho."

154Bambana nobambene nam, undikhulule, Ndiphilise ngokwelizwi lakho."

155Lunyawukile kwabangendawo usindiso, Ngokuba abayifuni imimiselo yakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

156Iimfesane zakho zininzi, Yehova; Ndiphilise ngokwamasiko akho."

157Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo; Andithi gu bucala ezingqinisweni zakho."

158Ndababona abatshinizi, ndakruquka, Abo bangayigciniyo intetho yakho."

159Bona ukuthanda kwam iziyalezo zakho, Yehova, ndiphilise ngokwenceba yakho."

160Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela, Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

161Abathetheli bandisukela ngelize, Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho."

162Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengofumene ixhoba elininzi."

163Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum; Ndiyawuthanda umyalelo wakho."

164Ndikudumisa kasixhenxe ngemini, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho."

165Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

166Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova; Ndenza imithetho yakho."

167Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho, Ndizithanda kunene."

168Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho, Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho."

169Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam; Yehova, ndiqondise ngokwelizwi lakho."

170Masifike isikhungo sam phambi kwakho; Ndihlangule ngokwentetho yakho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

171Umlomo wam mawumpompoze indumiso, Kuba undifundisile imimiselo yakho."

172Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho, Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa."

173Isandla sakho masibe sesokundinceda, Ngokuba ndizinyulele iziyalezo zakho."

174Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova; Umyalelo wakho uyandiyolisa."

175Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise, Andincede amasiko akho."

Psalms 119 illustration - Psalms Chapter 119

176Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho, Ngokuba andiyilibali imithetho yakho."

Chapter Complete

You have read Psalms 119

176 verses