Lumina
Psalms

His Mercy Endureth For Ever

Psalms 118·Xhosa Bible

1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

2Makathi uSirayeli, Ingunaphakade inceba yakhe."

3Mayithi indlu ka-Aron, Ingunaphakade inceba yakhe."

4Mabathi abamoyikayo uYehova, Ingunaphakade inceba yakhe."

5Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi."

Psalms 118 illustration - Psalms Chapter 118

6UYehova ungakum, andoyiki; Angandenza ntoni na umntu?"

7UYehova ungakum ngokundinceda; Ndiya kubona mna kwabandithiyayo."

8Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu."

9Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene."

10Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule: Egameni likaYehova inene ndozinqumla."

Psalms 118 illustration - Psalms Chapter 118

11Zingafanelana zindirhawule zandirhawula: Egameni likaYehova inene ndozinqumla."

12Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi: Zocinywa njengomlilo weentsasa; Egameni likaYehova inene ndozinqumla."

13Undityhale ngamandla wena ukuba ndiwe; Kodwa uYehova wandinceda."

14Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova, Waba lusindiso kum."

15Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi, Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;"

Psalms 118 illustration - Psalms Chapter 118

16Isandla sokunene sikaYehova siphakamile; Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa."

17Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi, Ndibalise ngezenzo zikaYehova."

18UYehova undithethise kakhulu, Ke akandinikela ekufeni."

19Ndivuleleni amasango obulungisa; Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova."

20Nali isango likaYehova, Amalungisa angena ngalo."

Psalms 118 illustration - Psalms Chapter 118

21Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule, Waba lusindiso kum."

22Ilitye abalilahlayo abakhi Laba yintloko yembombo."

23Kuvele kuYehova oku, Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu."

24Le yimini ayenzileyo uYehova, Masigcobe sivuye ngayo."

25Yehova, camagu, khawusindise, Yehova, camagu, khawuhlangule."

Psalms 118 illustration - Psalms Chapter 118

26Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova, Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova."

27UYehova nguThixo, usikhanyisela; Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo, Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo."

28UnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe; UnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa."

29Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."

Chapter Complete

You have read Psalms 118

29 verses