1Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa, Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,"
2UYuda waba yingcwele yakhe, USirayeli waba sisikumkani sakhe."
3Ulwandle lwabona, lwasaba, IYordan yabuya umva."
4Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha; Iinduli, njengamatakane omhlambi."
5Ubunani na, lulwandlendini, ukuba usabe? Wena Yordan, ukuba ubuye umva?"

6Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha? Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?"
7Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi, Ebusweni boThixo kaYakobi;"
8Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi, Iqhwitha libe yimithombo yamanzi."
You have read Psalms 114
8 verses