1Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!"
2Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe."
3Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi."
4Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa."
5Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni."

6Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade."
7Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova."
8Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe."
9Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko."
10Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka."
You have read Psalms 112
10 verses