1Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni."
2Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke."
3Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade."
4Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova."
5Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe."

6Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga."
7Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe."
8Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye."
9Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe."
10Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi."
You have read Psalms 111
10 verses