1Umthandazo wolusizana xa atyhafileyo, ephalaza iinkalazo zakhe phambi koYehova. Yehova, wuve umthandazo wam, Kufike kuwe ukuzibika kwam."
2Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam, Ndithobele indlebe yakho; Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule."
3Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi; Amathambo am avutha njengeziko."
4Ibethwe yoma njengomfuno intliziyo yam, Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam."
5Ngenxa yezwi lokugcuma kwam Amathambo am atshele enyameni yam."

6Ndifana nengcwangube yentlango, Ndinjengesikhova sasemanxoweni."
7Andilali; Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu."
8Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam, Abandigezelayo bathuka ngam."
9Ngokuba ndidle uthuthu njengesonka, Into endiyiselayo ndiyiphithikeze nezililo,"
10Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho; Ngokuba undifunqule wandilahla."

11Imihla yam injengokoluka kwamathunzi; Mna ndomile njengomfuno."
12Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade, Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana."
13Uya kusuk’ ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane; Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo."
14Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo, Uthuli lwayo banofefe ngalo."
15Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova, Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;"

16Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova, Wabonakala ebuqaqawulini bakhe."
17Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo."
18Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo, Abantu abaza kudalwa badumise uYehova."
19Ngokuba uqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele; Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,"
20Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo, Abakhulule oonyana bokufa;"

21Bancokole eZiyon ngegama likaYehova, Ngendumiso yakhe eYerusalem;"
22Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye, Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova."
23Uwathobile endleleni amandla am, Uyinqamle imihla yam."
24Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam. Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho."
25Waliseka kudala ihlabathi; Lisisenzo sezandla zakho izulu."

26Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume; Zona zonke ziya konakala njengengubo, Wozigugisa njengesambatho, ziguge;"
27Ke wena uhleli unguwe, Iminyaka yakho ayinakuphela."
28Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala, Imbewu yabo izimaseke phambi kwakho."
You have read Psalms 102
28 verses