Lumina
Psalms

I Will Walk With a Perfect Heart

Psalms 101·Xhosa Bible

1EkaDavide. Umhobe. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo; Ndiya kukubethela uhadi, Yehova."

2Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo; Uya kuza nini na kum? Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam Phakathi kwendlu yam."

3Andiyi kubeka phambi kwamehlo am Nto inobutshijolo. Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile, Akuyi kunamathela kum."

4Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum; Into embi andiyi kuyazi."

5Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese, Lowo ndiya kumbhangisa. Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo, Lowo andinakumthwala."

Psalms 101 illustration - Psalms Chapter 101

6Amehlo am akwabanyanisayo ezweni, Ukuba bandiphahle; Ohamba ngendlela yengqibelelo, Lowo makandilungiselele."

7Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am."

8Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa Bonke abangendawo belizwe, Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova Bonke abasebenzi bobutshinga."

Chapter Complete

You have read Psalms 101

8 verses