Lumina
Psalms

Plea Against the Wicked

Psalms 10·Xhosa Bible

1Yini na ukuba umele mgama, Yehova, Uzifihle ngamaxesha engxingongo?"

2Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo."

3Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba."

4Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo."

5Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke; Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye; Bonke ababandezeli bakhe uyabafuthela."

Psalms 10 illustration - Psalms Chapter 10

6Uthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa; Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini."

7Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga."

8Uhlala emilaleleni yeengqili, Agwinte omsulwa entsithelweni; Amehlo akhe azonda oludwayi."

9Ulalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo; Ulalela ukuba axwile emke nosizana; Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe."

10Uyabuthuma, uyabunguzela, Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi."

Psalms 10 illustration - Psalms Chapter 10

11Uthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele, Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento."

12Khawusuk’ ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo. Musa ukubalibala abalulamileyo."

13Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo, Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?"

14Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena."

15Yaphula ingalo yongendawo; Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento."

Psalms 10 illustration - Psalms Chapter 10

16UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade; Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe."

17Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova; Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho,"

18Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo, Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini."

Chapter Complete

You have read Psalms 10

18 verses