1Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!"
2Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:"
3Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela."
4Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya."
5Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa."

6Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka."
You have read Psalms 1
6 verses