1Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa."
2Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu."
3Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe."
4Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa."
5Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha."

6Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye."
7Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi."
8Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo."
9Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama."
10Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,"

11Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso."
12Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo."
13Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova."
14Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade."
15Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina."

16Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo."
17Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho."
18Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!"
19Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali."
20Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo."

21Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni."
22Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo."
23Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko."
24Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli."
25Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu."

26Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova."
27Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo."
You have read Proverbs 29
27 verses