Lumina
Proverbs

Warnings Against Folly

Proverbs 23·Xhosa Bible

1Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;"

2Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini."

3Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso."

4Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda."

5Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini."

Proverbs 23 illustration - Proverbs Chapter 23

6Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;"

7Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;"

8Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi."

9Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho."

10Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama;"

Proverbs 23 illustration - Proverbs Chapter 23

11Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo."

12Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi."

13Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba uthe wambetha ngentonga akayi kufa."

14Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo."

15Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,"

Proverbs 23 illustration - Proverbs Chapter 23

16Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye."

17Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni; Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;"

18Inene, kukho ikamva, Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa."

19Yiva, wena nyana wam, ulumke, Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni."

20Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla;"

Proverbs 23 illustration - Proverbs Chapter 23

21Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu."

22Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, Ungamdeli unyoko akuba mkhulu."

23Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo; Nobulumko, noqeqesho, nengqondo."

24Ugcoba kakhulu uyise welungisa; Ozele isilumko uyavuya ngaso."

25Makavuye uyihlo nonyoko, Agcobe umfazi owakuzalayo."

Proverbs 23 illustration - Proverbs Chapter 23

26Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, Amehlo akho akholiswe ziindlela zam."

27Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga."

28Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini."

29Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi?"

30Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo."

Proverbs 23 illustration - Proverbs Chapter 23

31Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi;"

32Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba."

33Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka;"

34Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti;"

35Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune."

Chapter Complete

You have read Proverbs 23

35 verses